paroles de chanson / Amadodana Ase Wesile parole / Siyakudumisa Thixo lyrics  | ENin English

Paroles de Siyakudumisa Thixo

Interprète Amadodana Ase Wesile

Paroles de la chanson Siyakudumisa Thixo par Amadodana Ase Wesile lyrics officiel

Siyakudumisa Thixo est une chanson en Zoulou

Siyakudumisa Thixo siya kuvuma ukuba unguYehova
Umhlaba wonke ubedesha wena
uYise ongunaphakade
Zonke ingelosi zimemeza kuwe.kwanezulu nawo onke amandla akulo
Ikerubime nesarifime.zimana zimemeza kuwe
Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele.Yehova, Thixo wemikhosi

Izulu lizele kwanomhlaba.bubukhulu bobungcwalisa bakho
Umhlabi wobungcwalisa wabapostile uyakudumisa
Ama kholwa naabahle aabaprofeti.bayakudumisa
Umkhosi odumileyo wabafele wena uyakudumisa

Ihamente engcwele kulo lonke ilizwe.iyakuvuma
UYise obukhulu bungenambaliso
UNyana wakho emnye.odumileyo oyinene
KwanoMoya oyiNgcwele umOnwabisi
Wen’ungu Kumkani wobungcwalisa Wena Kristu
Wen’unguNyana ongunaphakade.woYihlo
Uthe wena wakunyula umsebenzi wokusindisa abantu.akwasidela isizalo sentombi
Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa wavulela bonke abakholwayo ubukumkani bezulu
Wena uhleli ngasekunene kuThixo ebungcwaliseni boYihlo
Siyakholwa ukuba woza ubengumGwebi wethu
Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakho ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo
Zenze ukuba zibalwe ndawonye nabangcwele bakho ebungcwaliseni obungunaphakade
Nkosi sindisa abantu bakho.uthamsanqelise ilifa lakho
Baphathe ubaphakamise.kude kube ngunaphakade

Thina imihla ngemihla sikwenza mkhulu wena.
Sihlala sibedesha igama lakho.kude kube kunaphakade
Sincede Nkosi usilondoloze ngale mini singabi nasono
Nkosi zusiphathe ngetaru zusiphathe ngetaru

Nkosi itaru lakho malihle phezu kwethu njengokuba ithemba lethu likuwe
Nkosi ndithembe wena ma ndingaze ndidaniswe
Nkosi ndithembe wena ma ndingaze ndidaniswe
Droits parole : paroles officielles sous licence Lyricfind respectant le droit d'auteur.
Reproduction des paroles interdite sans autorisation.

Commentaires sur les paroles de Siyakudumisa Thixo

Nom/Pseudo
Commentaire
Copyright © 2004-2024 NET VADOR - Tous droits réservés. www.paroles-musique.com
Connexion membre

Se connecter ou créer un compte...

Mot de passe oublié ?
OU
CREER COMPTE
Sélectionnez dans l'ordre suivant :
1| symbole en bas de l'horloge
2| symbole à gauche de l'ampoule
3| symbole à droite de la cible
grid grid grid
grid grid grid
grid grid grid