song lyrics / Bravo Le Roux / Indoda (the shack song) lyrics  | FRen Français

Indoda (the shack song) lyrics

Performer Bravo Le Roux

Indoda (the shack song) song lyrics by Bravo Le Roux official

Indoda (the shack song) is a song in Xhosa

Indoda

Mhhh

Indoda

Undenz' indod' emadodeni
Inkos' emakhosini
Umntu ebantwini
Kwakukhe kwanzima ebomini

Kodwa undenz' indod' emadodeni
Inkos' emakhosini
Umntu ebantwini
Kwakukhe kwanzima ebomini

Nyawo zam
Uzungaz' undishiye
Bawo wam
Undibambe ndiqine


Le ingoma yeyela tyotyombe ndikhulele kulo
Eli zonke iindlela zobomi ndiye ndazifundela kuyo

i20L ye pheyle yitafile iphinde ibesi stulo
As abantwana siphinde silise phandle silenze igubu xa sisenza umculo

Emdantsane bathi ligali
eSoweto Bathi ngu mjondolo
Ebhayi libobosi
eKapa sithi yi khist, khibo okanye yihoki
Yonke yinto enye kuhlukene nje abokhi
Andithethi buxoki

Latshemba, nesasitya zezitya xa kunetha ziganga amathontsi
Ewinter ugodola oobhontsi
Emva kwe khabhathi, iimpuku zibambe irhontshi

Sinesa stena sesepha sohlulwa kay' 4
Yeyihlamba umzimba, neyohlamba izitya nempahla, namazinyo
ikwayiyo ne roll-on

Icango libanjwe nge skhonkwane
Ngu patch-patch we tapeti apha phantsi
Ifridge, netv, nestovu zidibene ngombane
Siziva zoonke neendaba zaba melwane

Ityotyombe lindiqaqambisile
Lindiqeqeshile
Landiqhuqha qhuqhiyane
Kulomhlaba ndicinga ndiqengqelekile

Ngexesha lendiya-ndiya
Ikamere ayilodonga ngumdiyadiya
Ikhandlela libanjwe li empty le beer
Lamatshontsi ubuwavale nge vaslina neplastic xa kunetha ayanyibilika

Bendino naba ndibemde, kodwa amade ngawetyala
Kum imbewu yatyalwa
Imivuyo yam ayingomanyala

Mntana hlamba
Ubemhle, yodlala nabanye abantwana
Suba lityotyombe noba uphuma etyotyombeni
Lawo ngamzwi ka mama xa endiyala

Ngalomanzwi ndithi halala, tyotyombe halala!

Indoda

Undenz' indod' emadodeni
Inkos' emakhosini
Umntu ebantwini
Kwakukhe kwanzima ebomini

Kodwa undenz' indod' emadodeni
Inkos' emakhosini
Umntu ebantwini
Kwakukhe kwanzima ebomini

Nyawo zam
Uzungaz' undishiye
Bawo wam
Undibambe ndiqine
Lyrics copyright : legal lyrics licensed by Lyricfind.
No unauthorized reproduction of lyric.
Writer: Sinesipho Peter
Copyright: Sony/ATV Music Publishing LLC

Comments for Indoda (the shack song) lyrics

Name/Nickname
Comment
Copyright © 2004-2024 NET VADOR - All rights reserved. www.paroles-musique.com/eng/
Member login

Log in or create an account...

Forgot your password ?
OR
REGISTER
Select in the following order :
1| symbol to the left of the suitcase
2| symbol to the right of the cloud
3| symbol to the right of the helmet
grid grid grid
grid grid grid
grid grid grid